Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Mculele Uvuya UYehova

Mculele Uvuya UYehova

UPawulos noSilas badumisa uYehova ngengoma ngoxa babesentolongweni. (IZe 16:25) Siqinisekile ukuba ukucula kwabo kwabaqinisa ukuze banyamezele. Kuthekani ngathi namhlanje? Iingoma esizicula kwiintlanganiso nezeJW Broadcasting zinokusikhuthaza zisincede sihlale sithembekile xa sivavanywa. Ngaphezu koko, ziyamdumisa uYehova. (Nd 28:7) Siye sakhuthazwa ukuba sinkqaye amazwi ezinye iingoma. Sowukhe wayizama loo nto? Singaprakthiza iingoma sifunde namazwi azo kunqulo lwentsapho.

BUKELA IVIDIYO ETHI ABANTWANA ABADUMISA UYEHOVA NGOMCULO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:

  • Ukucula iingoma zoBukumkani kusinceda njani?

  • Ziintoni ezenziwa liSebe leAudio/Video ukulungiselela ukurekhoda?

  • Ziintoni ezenziwa ngabantwana neentsapho ukulungiselela ukurekhoda?

  • Zeziphi iingoma zoBukumkani ozithandayo, ibe kutheni uzithanda?