Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ESTERE 1–5

UEstere Wamela Abantu BakaThixo

UEstere Wamela Abantu BakaThixo

UEstere wabonisa ukholo oluphawulekayo nesibindi xa wayemela abantu bakaThixo

  • Ukuvela phambi kukakumkani ungamenywanga kwakunokutheth’ ukufa. UEstere akazange amenywe ngukumkani kangangeentsuku eziyi-30

  • UKumkani uAhaswerosi, ekucingwa ukuba nguArtashashta I, wayengumntu onomsindo ongalawulekiyo. Wakha wayalela ukuba kusikwe umntu phakathi waza wabonisa ngaye ukulumkisa abanye. Kwakhona wasusa uVashti njengokumkanikazi kuba akazange amthobele

  • Kwafuneka uEstere aziveze ukuba ungumYudakazi ibe weyisela ukumkani ekubeni wayeqhathwe ngumcebisi wakhe owayethenjiwe