Februwari 1-7
NEHEMIYA 1–4
Ingoma 126 Nomthandazo
Amazwi Okuvula (imiz. 3 okanye ngaphantsi)
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
“UNehemiya Wayeluthanda Unqulo Lokwenyaniso”: (imiz. 10)
[Dlala ividiyo ethi Intshayelelo kaNehemiya.]
Neh 1:11–2:3—Uvuyo lukaNehemiya lwalubangelwa kukuhambisela phambili unqulo lokwenyaniso (w06 2/1 9 ¶7)
Neh 4:14—UNehemiya wakwazi ukumelana nokuchaswa konqulo lokwenyaniso kuba wayejonge kuYehova (w06 2/1 10 ¶4)
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni: (imiz. 8)
Neh 1:1; 2:1—Kutheni sifikelela kwisigqibo sokuba ‘unyaka wamashumi amabini’ okhankanywe kuNehemiya 1:1 naku-2:1 ubalwa ngendlela efanayo? (w06 2/1 8 ¶5)
Neh 4:17, 18—Umntu wayenokwakha njani ngesandla esinye? (w06 2/1 9 ¶1)
Yintoni endiyifundileyo ngoYehova kufundo lweBhayibhile lwale veki?
Ziziphi iingongoma kufundo lweBhayibhile lwale veki endinokuzisebenzisa entsimini?
Ufundo LweBhayibhile: Neh 3:1-14 (imiz. 4 nangaphantsi)
YIKHUTHALELE INTSIMI
Lungiselela Iintshumayelo Zale Nyanga: (imiz. 15) Ingxubusho. Dlala ividiyo yentshumayelo nganye onokuyisebenzisa uze emva koko uxubushe iingongoma eziphambili. Balaselisa indlela umvakalisi aye wasibeka ngayo isiseko sokubuyela. Khuthaza abavakalisi ukuba bazenzele ezabo iintshumayelo.
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ingoma 103
Ceba Kwangoku Ukuze Ube Nguvulindlela Ongumncedani NgoMatshi Okanye NgoAprili: (imiz. 15) Ingxubusho. Hlola iingongoma ezibalulekileyo kwinqaku elithi “Lonwabele Eli Xesha LeSikhumbuzo!” (km 2/14 2) Gxininisa imfuneko yokuba kufuneka kucetywe kwangaphambili. (IMi 21:5) Dlan’ indlebe nabavakalisi ababini ebebekhe bangoovulindlela abangabancedani. Yiyiphi imiqobo abaye bayoyisa? Luluphi uvuyo abaye balufumana?
ISifundo SeBhayibhile Sebandla: ia isahl. 8 ¶1-16 (imiz. 30)
Impinda Yeentlanganiso Elandelwa Ngamagqabantshintshi Eentlanganiso Zeveki Elandelayo (imiz. 3)
Ingoma 135 Nomthandazo