Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

“Beka Uyihlo Nonyoko”

“Beka Uyihlo Nonyoko”

Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wawubethelela umyalelo othi: “Beka uyihlo nonyoko.” (Eks 20:12; Mat 15:4) Ngokuqinisekileyo uYesu wathetha ngokukhululekileyo kuba “waqhubeka ezithobile” kubazali bakhe esengumntwana. (Luk 2:51) Akuba mdala, waqiniseka ukuba umama wakhe uza kukhathalelwa emva kokuba yena efile. —Yoh 19:26, 27.

Nakule mihla yethu, ulutsha olungamaKristu olubathobelayo abazali balo noluthetha nabo ngembeko luyabahlonela. Phofu, umyalelo wokuthobela abazali bethu awuphelelwa lixesha. Naxa sele bekhulile, sifanele siqhubeke sibahlonela ngokufunda kumava abo. (IMi 23:22) Enye indlela esinokubahlonela ngayo abazali bethu abakhulileyo kukuyikhathalela indlela abaziva ngayo nokubanceda ngemali xa kuyimfuneko. (1Ti 5:8) Enoba sisebatsha okanye sibadala, ukuhlala sithetha nabazali bethu yeyona ndlela ibonisa ukuba siyabahlonela.

BUKELA OOPOPAYI ABATHI, NDINGATHETHA NJANI NABAZALI BAM? UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:

  • Kutheni usenokukufumanisa kunzima ukuthetha nabazali bakho?

  • Unokubahlonela njani abazali bakho xa uthetha nabo?

  • Kutheni kunceda ukuthetha nabazali bakho? (IMi 15:22)

    Xa uthetha nabazali bakho unokuphumelela ebomini