Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 14-15

Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa

Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa

Ngaphambi nje kwePasika yango-32 C.E., uYesu wenza ummangaliso ibe loo mmangaliso nguwo wodwa obhalwe ngabo bobane ababhali beencwadi zeVangeli.

Ngokwenza lo mmangaliso, uYesu wabonisa indlela yokwenza izinto asaqhubeka eyenza nakwimihla yethu.

14:16-21

  • UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bondle abantu abaninzi, nangona babenezonka ezintlanu neentlanzi ezimbini kuphela

  • UYesu wathatha izonka neentlanzi waza emva kokuthandaza wazinika abafundi bakhe baza bona bazinika abantu

  • Okumangalisayo kukuba bonke abantu batya bonela. UYesu wondla abantu abaninzi ngezandla zabambalwa—abafundi bakhe

  • UYesu wachaza kwangaphambili ukuba ngemihla yokugqibela, wayeza kulungiselela indlela yokuba abantu bafumane ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo.’—Mat 24:45

  • Ngo-1919, uYesu wamisela ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ iqela elincinane labazalwana abathanjisiweyo, ‘phezu kwempahla yendlu yakhe,’ abo bondliwayo.

  • Ngokulungiselela eli qela lincinane labazalwana abathanjisiweyo, uYesu wenza into awayeyenze ngenkulungwane yokuqala

Ndingabonisa njani ukuba ndiyayiqonda ibe ndiyayihlonela indlela uYesu ayisebenzisayo yokondla abantu ngokubafundisa ngoThixo?