Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​​—⁠Yisebenzise Kakuhle Imibuzo

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​​—⁠Yisebenzise Kakuhle Imibuzo

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Ukuba “icebo entliziyweni yomntu linjengamanzi anzulu,” imibuzo injengebhakethi eliwakhayo. (IMi 20:5) Imibuzo isinceda singathethi sedwa. Iimpendulo kwimibuzo ecingisiswe kakuhle zidla ngokusinceda sibone oko kucingwa ngumntu. UYesu wayisebenzisa kakuhle imibuzo. Sinokumxelisa njani?

INDLELA ONOKWENZA NGAYO:

  • Buza imibuzo eveza oko umntu akucingayo. UYesu wabuza imibuzo ukuze azi oko kwakucingwa ngabafundi bakhe. (Mat 16:13-16; be 238 ¶3-5) Yiyiphi imibuzo eveza oko abantu bakucingayo wena onokuyibuza?

  • Buza imibuzo ekhokelela kwimpendulo. Ukuze uYesu alungise indlela uPetros awayecinga ngayo, wambuza imibuzo waza wamnika neempendulo awayenokukhetha kuzo, emva koko uPetros waphendula ngokuchanileyo. (Mat 17:24-26) Yiyiphi imibuzo wena onokuyibuza enokunceda umntu aphendule ngokuchanileyo?

  • Mncome umntu othetha naye. Emva kokuba umbhali ‘ephendule ngokunengqiqo,’ uYesu wamncoma. (Mar 12:34) Unokumcoma njani umntu emva kokuba ephendule umbuzo?

BUKELA INXALENYE YOKUQALA YEVIDIYO ETHI, YENZA UMSEBENZI OWAWUSENZIWA NGUYESU—FUNDISA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO

  • Kutheni sinokuthi lo mntu akafundisanga kakuhle nangona ethethe izinto ezichanileyo?

  • Kutheni kufuneka senze okungakumbi kunokucacisa nje izinto esithetha ngazo?

BUKELA INXALENYE YESIBINI YEVIDIYO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:

  • Lo mzalwana uyisebenzise kakuhle njani imibuzo?

  • Yiyiphi indlela afundisa ngayo esinokuyilinganisa?

Oko sikufundisayo kubanceda njani abanye abantu? (Luk 24:32)