Kuphephe Ukukhubeka Nokukhubekisa Abanye
UYesu wasebenzisa imizekeliso ukufundisa ngobunzulu bokukhubeka okanye ukukhubekisa abanye.
-
‘Isikhubekiso’ sithetha ukwenza into embi njengokuziphatha kakubi nokuwela esonweni
-
Umntu okhubekisa omnye kungangcono ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe
-
UYesu wacebisa abalandeli bakhe ukuba basuse nento exabiseke njengesandla okanye iliso ukuba liyabakhubekisa
-
Kungangcono ukuncama loo nto ixabisekileyo uze ungene eBukumkanini bukaThixo kunokubambelela kuyo uze uphelele eGehena, apho kutshatyalalwa khona ngonaphakade
Yintoni enokundenza ndikhubeke kwaye yintoni endinokuyenza ukuze ndingakhubeki okanye ndikhubekise abanye?