Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 12–13

Umzekeliso Wengqolowa Nokhula

Umzekeliso Wengqolowa Nokhula

UYesu wasebenzisa umzekeliso wengqolowa nokhula ukubonisa ixesha nendlela aza kulukhetha ngayo eluntwini udidi lwengqolowa, amaKristu athanjisiweyo, ukususela ngo-33 C.E.

13:24

‘Umntu wahlwayela imbewu entle entsimini yakhe’

  • Umhlwayeli: NguYesu Kristu

  • Imbewu entle iyahlwayelwa: Abafundi bakaYesu bathanjiswa ngomoya oyingcwele

  • Intsimi: Ngabantu

13:25

“Kwathi ke xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula”

  • Utshaba: NguMtyholi

  • Abantu babelele: Ukufa kwabapostile

13:30

“Yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni”

  • Ingqolowa: AmaKristu athanjisiweyo

  • Ukhula: AmaKristu obuxoki

“Qokelelani ukhula kuqala . . . ; nandule ke nihlanganisele ingqolowa”

  • Amakhoboka okanye abavuni: Iingelosi

  • Ukhula olwaqokelelwayo: AmaKristu obuxoki ayahlulwa kumaKristu athanjisiweyo

  • Bayihlanganisela kuvimba: AmaKristu athanjisiweyo ahlanganiselwa kwibandla elitsha

Xa kwakuqaliswa ukuvunwa, yintoni eyenza amaKristu okwenyaniso ahluka kwawobuxoki?

Ndincedakala njani ngokwazi lo mzekeliso?