INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Hlala Ulinde Ngonyamezelo
Unexesha elingakanani ulinde ukuba uBukumkani BukaThixo bufike? Ngaba ubunyamezele njengokuba ulindile nangona kukho ubunzima? (Rom 8:25) Amanye amaKristu ayacatshukelwa, aphathwa kakubi, ayavalelwa okanye athenjiswe ngokubulawa. Amanye anezigulo ezinganyangekiyo okanye ayoluphala.
Singenza njani ukuze sihlale sinyamezela? Simele siqinise ukholo lwethu ngokufunda iBhayibhile nangokucinga ngezinto esizifundileyo. Simele sicinge ngethemba lethu. (2Ko 4:16-18; Heb 12:2) Simele sithandaze, simcenge uYehova ukuba asinike amandla ngomoya wakhe oyingcwele. (Luk 11:10, 13; Heb 5:7) UTata wethu osithandayo uza kusinceda ‘sinyamezele ngomonde novuyo.’—Kol 1:11.
BUKELA IVIDIYO ETHI SIMELE ‘SIBALEKE NGONYAMEZELO’—ZIXELELE UKUBA UZA KUWUFUMANA UMVUZO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Ziintoni ezinokwenzeka ‘esingenakuzibona kwangaphambili’? (INt 9:11)
-
Umthandazo usinceda njani xa sijongene nobunzima?
-
Ukuba kukho izinto esingasakwaziyo ukumenzela zona uYehova, kutheni simele sicinge ngezi sikwaziyo ukuzenza?
-
Yintoni ekunceda uzixelele ukuba uza kuwufumana umvuzo?