Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukuphelisa ISifundo SeBhayibhile Esingahambeli Phambili

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukuphelisa ISifundo SeBhayibhile Esingahambeli Phambili

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Abantu bamele babize egameni likaYehova ukuze basindiswe. (Rom 10:13, 14) Kodwa ayinguye wonke umntu esimfundelayo ofuna ukuphila ngemigaqo kaYehova. Kufuneka silisebenzise kakuhle ixesha lethu entsimini sincede abantu abafuna nyhani ukutshintsha baze bakhonze uYehova. Ukuba sinexesha elide sifundela umntu iBhayibhile kodwa akade ahambele phambili, kububulumko ukusiyeka eso sifundo size sincede abantu uYehova abatsalela kuye nakwintlangano yakhe. (Yoh 6:44) Ukuba loo mntu ekuhambeni kwexesha uyatshintsha aze ayenze icace into yokuba ‘ufanelekele ubomi obungunaphakade,’ ninokuphinda niqale isifundo kwakhona.​—IZe 13:48.

INDLELA ONOKWENZA NGAYO:

  • Mncome umntu ofunda naye ngokufuna ukwazi inyani.​—1Ti 2:4

  • Mxelele indlela ekubaluleke ngayo ukuzenza izinto azifundileyo.​—Luk 6:46-49

  • Ncokola naye ngomzekeliso kaYesu womhlwayeli, uze umbuze ukuba yintoni embambileyo.​—Mat 13:18-23

  • Mcacisele kakuhle ukuba kutheni uyeka ukufunda naye

  • Mxelele ukuba uza kumane usiza uze kumkhuthaza kodwa niza kuphinda nifunde kunye xa ezenza izinto azifundileyo

BUKELA IVIDIYO UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Yintoni oyibonileyo ebonisa ukuba lo mntu ufundelwayo akahambeli phambili kule ncoko?

  • Umvakalisi umncede njani lo mntu afunda naye ukuze azi ukuba kufuneka atshintshe?

  • Lo mvakalisi wenze njani ukuze abone lo mntu afunda naye ukuba isifundo singaphinda siqhubeke?