INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ngaba Uyazibona Iimpawu ZikaThixo Ezingenakubonwa?
Ngaba uyawubona umsebenzi omhle owenziwe nguMdali xa ujonge intyatyambo entle, iinkwenkwezi okanye iingxangxasi? Indalo isibonisa kakuhle iimpawu zikaYehova ezingenakubonwa. (Rom 1:20) Xa sizinika ithuba lokucinga ngezinto esizibonayo, siye sikwazi ukubona amandla kaThixo, uthando, ubulumko nobulungisa bakhe. Sitsho sibone nokuba unobubele.—Nd 104:24.
Ziintoni ezidalwe nguYehova oye uzibone yonke imihla? Zikhona izinto onokuzibona njengeentaka nemithi nokuba uhlala edolophini. Ukubuka nokucinga ngezinto uYehova azidalileyo kusinceda sihlise ixhala, sizibone kakuhle izinto size siyithembe into yokuba uYehova uza kukwazi ukusikhathalela ngonaphakade. (Mat 6:25-32) Ukuba unabantwana, bancede bazibone iimpawu zikaYehova ezintle. Njengoko sisiya sizixabisa izinto ezidaliweyo esizibonayo, siza kuya sisondela kuMdali.—Nd 8:3, 4.
BUKELA IVIDIYO ETHI THE WONDERS OF CREATION REVEAL GOD’S GLORY—LIGHT AND COLOR UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Iikhemikali zisinceda njani ukuze sibone imibala?
-
Yintoni eyenza sibone imibala emenyezelayo?
-
Kutheni sibona imibala eyahlukahlukeneyo esibhakabhakeni?
-
Yeyiphi imibala emihle okhe oyibone apho uhlala khona?
-
Kusinceda njani ukubuka nokucinga ngendalo?