Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 34-37

UHezekiya Wavuzwa Ngokholo Lwakhe

UHezekiya Wavuzwa Ngokholo Lwakhe

UKumkani uSenaribhe waseAsiriya wathumela uRabheshake eYerusalem ukuze agunyazise esi sixeko ukuba sinikezele. Ama-Asiriya aba neengxoxo ezahlukeneyo ngelizama ukutyhafisa amaYuda ukuze anikezele kungaliwanga.

  • Ukuzahlula. IYiputa ayizi kukunceda kangako.—Isa 36:6

  • Ukuthandabuza. UYehova akazukulwela kuba akakholiswa nguwe.—Isa 36:7, 10

  • Ukoyikisa. Akunakumelana nomkhosi omkhulu wama-Asiriya. —Isa 36:8, 9

  • Isilingo. Xa unikezela kwiAsiriya uza kuphila ubomi obumnandi.—Isa 36:16, 17

UHezekiya wayenokholo olungagungqiyo kuYehova

37:1, 2, 14-20, 36

  • Wenza konke okusemandleni akhe elungiselela xa isixeko sizokuhlaselwa

  • Wathandaza kuYehova ecela ukuhlangulwa waza wakhuthaza abantu ukuba benze okufanayo

  • Wavuzwa ngenxa yokholo lwakhe xa uYehova wathumela ingelosi yakhe, yaza yabulala umkhosi wama-Asiriya oyi-185 000 ngobusuku obunye