INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Musani Ukuba Nexhala
KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wathi: “Musani ukuxhalela imiphefumlo yenu.” (Mat 6:25) Kuyinto eqhelekileyo kona ukuba abantu abangafezekanga abaphila kwihlabathi likaSathana babe nexhala, eyona nto awayebafundisa yona abafundi bakhe uYesu kukuba bangabi nexhala kakhulu. (Nd 13:2) Ngoba? Kuba ukuba nexhala kakhulu, kwanangezinto esizidinga mihla le, kunokusiphazamisa, kubangele ukuba kube nzima ukufuna kuqala uBukumkani. (Mat 6:33) Amazwi kaYesu aza kusinceda siyeke ukuba nexhala ngokungeyomfuneko.
-
Mat 6:26—Yintoni esinokuyifunda xa sijonga iintaka? (w16.07 iphe. 9-10 ¶11-13)
-
Mat 6:27—Kutheni kuyinkcitha xesha nje ukuba nexhala kakhulu? (w05 11/1 iphe.22 ¶5)
-
Mat 6:28-30—Yintoni esiyifundayo kwiinyibiba zasendle? (w16.07 iphe. 10-11 ¶15-16)
-
Mat 6:31, 32—AmaKristu ohluke njani kwiintlanga? (w16.07 iphe. 11 ¶17)
Into endifuna ukuyeka ukuba nexhala layo