Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 8-9

UYesu Wayebathanda Abantu

UYesu Wayebathanda Abantu

Isahluko 8 nese-9 sencwadi kaMateyu sithetha ngokushumayela kukaYesu kummandla waseGalili. Xa wayephilisa abantu, uYesu wayebonisa amandla akhe ibe okubaluleke nangakumbi wayebonisa indlela abathanda ngayo abantu nanovelwano ngayo.

  1. UYesu waphilisa umntu oneqhenqa.—Mat 8:1-3

  2. UYesu waphilisa isicaka segosa lomkhosi.—Mat 8:5-13

    Waphilisa umkhwekazi kaPetros.—Mat 8:14, 15

    Wakhupha iidemon waza wanyanga nabantu ababegula.—Mat 8:16, 17

  3. UYesu wakhupha iidemon ezazinobundlobongela obungaqhelekanga waza wazithumela kugxubha lweehagu.—Mat 8:28-32

  4. UYesu waphilisa umntu ofe umzimba.—Mat 9:1-8

    Waphilisa ibhinqa elachukumisa isambatho sakhe waza wavusa nentombi kaYayiro.—Mat 9:18-26

    Waphilisa imfama nesimumu.—Mat 9:27-34

  5. UYesu wakhenketha zonke izixeko needolophana, ephilisa lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe.—Mat 9:35, 36

Ndingabonisa njani ukuba ndiyabathanda ibe ndinovelwano kubantu abasondeleyo kum?