INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Xolelana Nomzalwana Wakho Kuqala—Njani?
Masithi uhlala eGalili ngexesha likaYesu. Uze kubhiyozela uMthendeleko Weminquba eYerusalem. Kuzele ngabazalwana bakho abasuka kude. Ufuna ukubingelela kuYehova. Uphethe imvu oza kubingelela ngayo, wenjenjeya ukuya etempileni unqumla kwezo zitrato zalapho zigcwele ngabantu. Xa ufika, kukho abantu abaninzi abazokubingelela nabo. Ekugqibeleni kufika ithuba lakho lokuba unike umbingeleli imvu. Kanye ngalo mzuzu ukhumbula ukuba umzalwana wakho ekusenokwenzeka ukuba ukweso sihlwele okanye usedolophini, unento ngakuwe. Nantsi into uYesu athi yenze. (Funda uMateyu 5:24) Ngokutsho kukaYesu, ningaxolelana njani nomzalwana omonileyo? Kwezi zivakalisi zingezantsi, faka uphawu ecaleni kwempendulo echanileyo.
UFANELE. . .
-
uthethe nomzalwana wakho kuphela xa ucinga ukuba unesizathu esibambekayo sokuba akhubeke
-
uzame ukulungisa indlela acinga ngayo umzalwana wakho xa ucinga ukuba unochuku okanye utyhola abanye ngento eyenzekileyo
-
ummamele kakuhle umzalwana wakho xa echaza indlela aziva ngayo, enoba akuyiqondi ncam le nto ayithethayo, cela uxolo ngento oyenzileyo okanye ngezinto ezibangelwe yinto oyenzileyo
YENA UFANELE. . .
-
ahambe exelela abanye ebandleni ngento omenze yona
-
akugxeke, azikhumbuze ngento yonke eyenzekileyo aze akunyanzelise ukuba uvume ukuba umonile
-
acinge ukuba uye wazithoba, wanesibindi ukuze uze kuye, aze akuxolele ngokusuka entliziyweni.
Nangona namhlanje singabingeleli ngezilwanyana xa sikhonza, yintoni eyayifundiswa nguYesu ngokuxolelana ukuze uThixo akholiswe yindlela esikhonza ngayo?