Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Bazali, Fundisani Abantwana Benu Izinto Ekufuneka Bazazi

Bazali, Fundisani Abantwana Benu Izinto Ekufuneka Bazazi

Siphila kumhlaba apho abantu bathi izinto ezimbi zintle, baze bathi ezintle zimbi. (Isa 5:20) Okubuhlungu kukuba, abanye abantu baziphatha kakubi ngokwenza izinto uYehova azicaphukelayo, njengamadoda alala namadoda (nabafazi abalala nabanye abafazi). Abantwana besikolo basenokuzama ukwenza abantwana bamaKristu abafunda nabo benze izinto ezimbi abazenzayo. Ungabanceda njani abantwana bakho ukuze bakwazi ukumelana nezinto ezifana nezi?

Fundisa abantwana bakho imithetho kaYehova. (Lev 18:3) Hlala ubafundisa ukuba ithini iBhayibhile ngesondo. Izinto obafundisa zona kufuneka zixhomekeke kwinto abanokukwazi ukuyiqonda ngokweminyaka yabo. (Dut 6:7) Khawuzibuze: ‘Ndibafundisile abantwana bam ngendlela efanelekileyo yokubonisa uthando, ngokubaluleka kokunxiba iimpahla ezinesidima, nokuba abanye kufuneka babahlonele? Ngaba abantwana bam bangayazi ukuba bafanele benze ntoni xa kunokubakho umntu ofuna ukubabonisa amanyala okanye obakhuthaza ukuba benze into uYehova angayifuniyo?’ Xa abantwana bezazi kwangaphambili ezi zinto, loo nto iza kubanceda bayibone iseza ingozi baze bayiphephe. (IMi 27:12; INt 7:12) Xa ufundisa abantwana bakho, ubonisa ukuba uyalithanda ilifa lakho elixabisekileyo elivela kuYehova.​—Nd 127:3.

BUKELA IVIDIYO ETHI YAKHA INDLU EQINILEYO​—BAKHUSELE ABANTWANA BAKHO KWIZINTO EZIMBI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kutheni abanye abazali bengakhawulezi babafundise abantwana babo ngesondo?

  • Kutheni abazali befanele baqeqeshe abantwana babo ‘ngokubafundisa ngendlela kaYehova’?​—Efe 6:4

  • Yintoni intlangano kaYehova eyenzileyo ukuze incede abazali bakwazi ukufundisa abantwana babo ngesondo?​—w19.05 12, ibhokisi

  • Kutheni kufuneka uhlale uncokola nabantwana bakho nangaphambi kokuba kubekho iingxaki?