INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Khetha Ukukhonza UYehova
Ukuba ungumvakalisi ongabhaptizwanga oselula okanye usaqhutyelwa isifundo seBhayibhile, ngaba uzimisele ukubhaptizwa? Kutheni kufuneka ukufune ukubhaptizwa? Ukuzinikela nokubhaptizwa kwenza sikwazi ukuba nobuhlobo obukhethekileyo noYehova. (Nd 91:1) Ezi zinto zisinceda sikwazi ukuba nethuba lokusindiswa. (1Pe 3:21) Ungenza njani ukuze ukwazi ukufikelela apha?
Zibonele ngokwakho ukuba lena yinyaniso. Xa unemibuzo, phanda. (Rom 12:2) Jonga ukuba ziintoni ekufuneka uzitshintshe, uze uqinisekise ukuba utshintsha kuba ufuna ukuvuyisa intliziyo kaYehova. (IMi 27:11; Efe 4:23, 24) Thandaza kuYehova umcele ukuba akuncede. Qiniseka ukuba uza kukuqinisa aze akomeleze esebenzisa umoya wakhe oyingcwele. (1Pe 5:10, 11) Asoze uzisole ngezinto ozenzayo. Ukukhonza uYehova yeyona ndlela ibhetele yokuphila ubomi!—Nd 16:11.
BUKELA IVIDIYO ETHI BABEZIMISELE UKUBHAPTIZWA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Zeziphi iingxaki ekwafuneka badlule kuzo abanye ngaphambi kokuba babhaptizwe?
-
Yintoni ekufuneka uyenze ukuze ube nokholo oluza kukwenza uzinikele kuYehova?
-
Bancedwe yintoni abanye ukuze bakufanelekele ukubhaptizwa?
-
UYehova ubasikelela njani abo bakhetha ukumkhonza?
-
Kuthetha ukuthini ukuzinikela nokubhaptizwa?