Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Silungiselelwe Ukuba Sishumayele Ebantwini Bonke

Silungiselelwe Ukuba Sishumayele Ebantwini Bonke

Njengokuba uYehova wawalungiselela kakuhle amaSirayeli, kule mihla ulungiselela abantu bakhe ukuze bakwazi ukwenza ukuthanda kwakhe. Emhlabeni wonke, iiofisi zamasebe, iziphaluka, amabandla, kunye namaqela entsimi ayasebenzisana ukuze iindaba ezilungileyo zishunyayelwe. Sishumayela kubantu bonke, nditsho nabo bathetha ezinye iilwimi.​—ISi 14:6, 7.

Wawukhe wayicinga into yokufunda olunye ulwimi ukuze uncede abanye abantu bafunde inyani eseBhayibhileni? Nokuba awunalo ixesha elaneleyo lokufunda olunye ulwimi, ungasebenzisa iJW Language app ukuze ufunde iindlela ezilula zokuqala incoko. Emva kokuba uyisebenzisile entsimini, nawe usenokonwaba njengamaKristu exesha labapostile. Aye avuya kakhulu xa abantu bakwezinye iindawo beva “izinto ezinkulu zikaThixo” ngeelwimi zabo.​—IZe 2:7-11.

BUKELA IVIDIYO ETHI YIBA NGUMHLOBO KAYEHOVA​—SHUMAYELA NGOLUNYE ULWIMI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Unokuyisebenzisa xa kutheni iJW Language app?

  • Ziintoni ezikuyo?

  • Kwindawo oshumayela kuyo, abantu bathetha eziphi iilwimi?

  • Ufanele wenze ntoni xa umntu onomdla kwiindaba ezilungileyo ezingoBukumkani ethetha olunye ulwimi?​—od 100-101 ¶39-41