Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Khusela Umtshato Wakho

Khusela Umtshato Wakho

Zibalulekile kuYehova izinto abathembisana zona abantu xa betshata, ibe wathi indoda ifanele ithi nca emfazini wayo. (Mat 19:5, 6) Mininzi imitshato yamaKristu eyimizekelo. Kodwa awukho umtshato ongenazo iingxaki. Sekunjalo, asifanelanga sicinge njengabantu behlabathi abathi ukohlukana okwexeshana okanye ukudivosa yeyona nto incedayo xa abantu abatshatileyo beneengxaki. AmaKristu atshatileyo angawukhusela njani umtshato wawo?

Khawujonge ezi zinto ziyi-5 ezinokuwanceda.

  1. Khusela intliziyo yakho ngokungazenzi izinto ezifana nokuncwasa abantu ongatshatanga nabo, nokuzonwabisa ngendlela engafanelekanga, kuba ezo zinto ziza kubangela iingxaki emtshatweni wakho.​—Mat 5:28; 2Pe 2:14.

  2. Qinisa ubuhlobo bakho noThixo uze usebenze nzima ukuze umtshato wakho uhlale umvuyisa.​—Nd 97:10.

  3. Hlala ulinganisa indlela acinga ngayo uYehova kunye nendlela azenza ngayo izinto. Yenza nezinto ezincinci ezintle, eziza kumenzela izinto lula umntu otshate naye.​—Kol 3:8-10, 12-14.

  4. Thetha nangezinto ezibalulekileyo unentlonipho.​—Kol 4:6.

  5. Yiba nothando naxa nisabelana ngesondo.​—1Ko 7:3, 4; 10:24.

Xa amaKristu ewuhlonela umtshato, ahlonela uYehova kuba waqalwa nguye.

BUKELA IVIDIYO ETHI SIMELE SIBALEKE SINYAMEZELE​—THOBELA IMITHETHO YOGQATSO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Nangona umtshato usenokuqala kakuhle, zeziphi iingxaki ezisenokuvela?

  • Imigaqo yeBhayibhile ingabanceda njani abo bacinga ukuba bakwimitshato engenaluthando?

  • Yeyiphi imithetho yemitshato ayibekileyo uYehova?

  • Ukuze umtshato uphumelele, kufuneka benze ntoni abo batshatileyo?