INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Iindibano Ezibakho Qho Ngonyaka Zisinika Ithuba Lokubonisa Uthando
Yintoni eyenza kube mnandi kangaka endibanweni? Njengakwimihla yakudala yakwaSirayeli, iindibano zethu namhlanje zisinika ithuba lokukhonza uYehova kunye nabazalwana noodade abaninzi. Siyazithanda zonke izinto esizifundayo ezisinceda sihlale sisondele kuYehova. Siyakuvuyela nokuhlala nabahlobo neentsapho zethu. Indlela esizixabisa ngayo ezi ndibano yiyo esenza sifune ukubakhona kuzo zontathu iintsuku zayo.
Xa siza kuba kunye, akufunekanga sicinge nje ngezinto esizozifunda kodwa kufuneka sicinge nangendlela esinokubonisa ngayo uthando kwabanye. (Gal 6:10; Heb 10:24, 25) Sibonisa ukuba asicingeli iziqu zethu kodwa sicingela nabanye xa sivulela umzalwana okanye udade ucango okanye sigcina kuphela izitulo esizozisebenzisa. (Fil 2:3, 4) Iindibano zisinika ithuba lokwenza abahlobo abatsha. Ngaphambi nasemva kocwangciso okanye ngekhefu singazama ukuncokola nomntu esingamaziyo. (2Ko 6:13) Singaphela singabahlobo nabo ubomi bethu bonke! Ngaphezu koko, xa abantu ababukeleyo bebona indlela esithandana ngayo, bangade bafune ukukhonza nathi uYehova.—Yoh 13:35.
BUKELA IVIDIYO ETHI “UTHANDO ALUSOZE LUPHELE”! IINDIBANO ZEZIZWE NGEZIZWE, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Uthando luboniswe njani kwiindwendwe ebeziye kwiindibano zezizwe ngezizwe zango-2019?
-
Kutheni uthando nomanyano lwabantu bakaYehova luncomeka kangaka?
-
Abazalwana beQumrhu Elilawulayo bathethe ngeziphi iintlobo zothando lwamaKristu?
-
Uthando lwamaKristu lubamanyanise njani abazalwana bethu baseJamani naseMzantsi Korea?
-
Yintoni ekufuneka sizimisele ukuyenza endibanweni?