INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Siza Kuba Nenkululeko Ngenxa KaThixo NoKristu
Ziintoni iingxaki zakho zemihla ngemihla? Ngaba uyintloko ntsapho ibe uzama ukwenza zonke izinto ezilindeleke kuwe? Ngaba ukhulisa abantwana wedwa, ibe usebenza nzima ukuze ubaxhase? Ngaba usesikolweni ibe abantwana ofunda nabo bakuphethe kakubi? Ngaba unengxaki yempilo okanye uyagula kuba sele ukhulile? Wonke umntu unento emhluphayo. AmaKristu amaninzi aneengxaki ezininzi ngexesha elinye. Kodwa siyazi ukuba uYehova uza kusikhulula kuzo zonke ezi ngxaki.—2Ko 4:16-18.
Okwangoku, sithuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova uyaziqonda iingxaki zethu ibe uyayixabisa into yokuba sihlala sithembekile size singayeki ukunyamezela. Ngenxa yaloo nto, uza kusisikelela kakhulu. (Yer 29:11, 12) NoYesu uyasithanda. Njengokuba siqhubeka sikhonza uYehova ngandlela zonke, uyasiqinisekisa esithi: “Ndikunye nani.” (Mat 28:20) Xa sicinga ngendlela uBukumkani bukaThixo obuza kusikhulula ngayo, ithemba lethu liyaqina ibe siyazimisela ukuhlala sinyamezela iingxaki esinazo ngoku.—Rom 8:19-21.
BUKELA IVIDIYO ETHI NJENGOKO KUSONDELE ISAQHWITHI, HLALA UJONGE KUYESU!—UBOMI OBUZAYO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Abantu baye balahlekelwa njani bubuhlobo noThixo, ibe uye waba yintoni umphumo?
-
Abo bathembekileyo kuYehova banokuba nethemba lantoni kwixesha elizayo?
-
Yintoni esincedileyo sakwazi ukuba nethemba lezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo?
-
Zeziphi iintsikelelo zehlabathi elitsha ojonge phambili kuzo?