Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Izinto Esizifunda Kubomi BukaSamuweli

Izinto Esizifunda Kubomi BukaSamuweli

USamuweli wanyaniseka kuYehova ubomi bakhe bonke. Xa wayeyinkwenkwana, zange avume ukwenza izinto ezimbi njengoonyana bakaEli, uHofeni noFinehasi. (1Sa 2:22-26) Waqhubeka ekhula uSamuweli, ibe noYehova waba kunye naye. (1Sa 3:19) Naxa wayemdala, waqhubeka ehamba ngeendlela zikaYehova, nangona oonyana bakhe babengenzi njalo bona.—1Sa 8:1-5.

Umzekelo kaSamuweli usifundisa ntoni? Njengomntu osemtsha, qiniseka ukuba uYehova uyaziqonda iingxaki onazo nendlela ovakalelwa ngayo. Unokukunceda ube nesibindi. (Isa 41:10, 13) Ukuba ungumzali onomntwana ongasamkhonziyo uYehova, kumele kukuthuthuzele ukwazi ukuba uSamuweli akazange abanyanzele oonyana bakhe abadala ukuba banyaniseke kwiindlela zikaYehova. Ekubeni le meko wayiyekela kuYehova, waqhubeka emthembile yaye emvuyisa uTata wakhe wasezulwini, uYehova. Umzekelo wakho omhle unokumnceda abuyele kuYehova umntwana wakho.

BUKELA IVIDIYO ETHI FUNDA KUSAMUWELI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • USamuweli wasibonisa njani isibindi xa wayeyinkwenkwana?

  • UDanny wasibonisa njani isibindi?

  • USamuweli wawubonisa njani umzekelo njengomntu omdala?

  • UYehova uyabaxhasa abo bazimisele ukuhlala besenza into elungileyo

    Abazali bakaDanny bangumzekelo omhle njani?