Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Bantu Abasebatsha—Thethani Nabazali Benu

Bantu Abasebatsha—Thethani Nabazali Benu

Kutheni ufanele ubaxelele abazali bakho ngezinto ozicingayo? (IMi 23:26) Kuba uYehova unike bona umsebenzi wokukukhathalela nokukubonisa indlela yokwenza izinto. (Nd 127:3, 4) Kunokubanzima ukuba bakuncede xa izinto ezikukhathazayo uzifihla kubo. Kwakhona, uza kuphoswa kukwazi izinto abazifunde kwizinto abazenzileyo nabazifumeneyo ebomini. Ngaba yinto embi ukungathethi yonke into oyicingayo? Hayi—kodwa kulumkele ukubaqhatha abazali.—IMi 3:32.

Unokuthetha njani nabazali bakho? Zama ukujonga ixesha elizakulungela wena kunye nabo. Ukuba iza kuba yingxaki leyo, unokubhalela omnye wabo ileta umxelele indlela oziva ngayo. Uza kuthini ukuba bafuna uthethe ngento ongafuniyo ukuba kuthethwe ngayo? Khumbula, bafuna ukunceda. Abazali bakho abazontshaba zakho, bafuna ukukukhusela. Ukuzama ukuthetha nabazali bakho ngayo yonke into kuya kukunceda ubomi bakho bonke—ngonaphakade!—IMi 4:10-12.

BUKELA IVIDIYO ETHI UBOMI BAM NJENGOMNTU OSAKHULAYO—NDINGANCOKOLA NJANI NABAZALI BAM? UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Yintoni uEsther noPartik abaye bayifumanisa ngendlela abayiyo?

  • Yintoni onokuyifunda kuYesu?

  • Abazali bakho babonise njani ukuba bakukhathalele?

  • Abazali bakho bafuna uphumelele

    Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile enokukunceda ukwazi ukuthetha nabazali bakho?