Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indalo Isenza Sibuthembe Nangakumbi Ubulumko BukaYehova

Indalo Isenza Sibuthembe Nangakumbi Ubulumko BukaYehova

Ngaba uYehova usoloko eyazi eyona nto siyidingayo? Ewe, kunjalo! Xa siyikholelwa le nto, siye sibonise ubulumko xa silandela indlela akhokela ngayo. (IMi 16:3, 9) Kodwa ke, kusenokuba nzima ukuyithemba indlela asikhokela ngayo xa yahlukile kwindlela thina esicinga ngayo. Singabuthemba nangakumbi ubulumko bukaYehova xa sicingisisa ngezinto azidalileyo.—IMi 30:24, 25; Rom 1:20.

BUKELA IVIDIYO ETHI NGABA YADALWA? IIMBOVANE ZENZA NJANI UKUZE ZINGAGILANI? UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zenza ntoni iimbhovane imihla ngemihla?

  • Iimbovane zenza njani ukuze zingagilani?

  • Abantu bangancedakala njani endleleni xa benolinganisa indlela iimbovane ezenza ngayo?

BUKELA IVIDIYO ETHI NGABA YADALWA? INDLELA INYOSI EKWAZI NGAYO UKUBHABHA KAKUHLE, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zeziphi iingxaki abaye babe nazo abantu xa bebhabha ngeepleyini ezincinci?

  • Inyosi ikwazi njani ukungatyhalwa ngumoya omkhulu xa ibhabha?

  • Abantu bangancedakala njani kwinto abayifundileyo kwindlela inyosi esebenzisa ngayo ubulumko ukuze ibhabhe?

Ububone njani ubulumko bukaYehova kwindalo ekule ndawo uhlala kuyo?