INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Yiba Nezinto Ozimisele Ukuzenza Ngexesha LeSikhumbuzo
Qho ngonyaka abantu bakaYehova basoloko bejonge phambili ekwenzeni iSikhumbuzo kunye. Kwiiveki ezingaphambi nasemva kweSikhumbuzo siye sisebenzise eli thuba likhethekileyo lokuba sidumise size sibulele uYehova ngenxa yesipho sentlawulelo. (Efe 1:3, 7) Ngokomzekelo, sisebenza nzima ukuze simeme abanye beze eSikhumbuzweni. Abanye baye balungise iimeko zabo ukuze bakwazi ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngoMatshi nangoAprili bezimisele ukwenza iiyure eziyi-30 okanye eziyi-50. Ngaba ungathanda ukongeza ixesha oshumayela ngalo ngeli xesha leSikhumbuzo? Yintoni enokukunceda ukuze ukwazi ukuyenza le nto?
Amaxesha amaninzi siye senze okuninzi xa siye salungiselela kusengaphambili. (IMi 21:5) Njengoko ixesha leSikhumbuzo lisondela, ngoku lixesha lokuba siqalise ukuzilungiselela. Cinga ngendlela ofuna ukulandisa ngayo ixesha oshumayela ngalo ngexesha leSikhumbuzo, uze ugqibe ukuba uza kwenza njani ukuze ukwazi. Cela uYehova ayisikelele imigudu yakho.—1Yo 5:14, 15.
Ungakwazi ukucinga ngeendlela onokulandisa ngayo ixesha oshumayela ngalo ngexesha leSikhumbuzo?