Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Qinisa Ukholo Lwakho KwiLizwi LikaThixo

Qinisa Ukholo Lwakho KwiLizwi LikaThixo

ILizwi likaThixo lingabutshintsha ubomi bethu. (Heb 4:12) Kodwa ukuze likwazi ukusikhokela lize lisilungise kufuneka siqiniseke ukuba nyhani ‘lilizwi likaThixo.’ (1Te 2:13) Sinoluqinisa njani ukholo lwethu eBhayibhileni?

Qho ngosuku yiba nendawo oyifundayo eBhayibhileni. Njengokuba uyifunda khangela izinto ezibonisa ukuba uYehova nguMbhali wayo. Ngokomzekelo, jonga indlela amacebiso obulumko akwincwadi yeMizekeliso aluncedo ngayo kubomi bethu namhlanje.—IMi 13:20; 14:30.

Yiba nento ophanda ngayo. Zazi kakuhle izinto ezibonisa ukuba iBhayibhile iphefumlelwe. KwiSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova, jonga umxholo othi “IBhayibhile” phantsi kwawo uye kwindawo ethi “Iphefumlelwe NguThixo.” Xa ufunda izinto ezikwiSihlomelo A3 seNguqulelo Yehlabathi Elitsha ungakwazi ukuqinisa ukholo lwakho kwinto yokuba izinto eziseBhayibhileni azitshintshanga.

BUKELA IVIDIYO ETHI ISIZATHU SOKUBA SIBE NOKHOLO KWILIZWI LIKATHIXO UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Ukufunyanwa kwedonga letempile eKarnak eYiputa kubonisa njani ukuba iLizwi likaThixo liyinyani?

  • Sazi njani ukuba into ethethwa yiBhayibhile ayitshintshanga?

  • Into yokuba iBhayibhile isekhona nanamhlanje ikubonisa njani ukuba iliLizwi likaThixo?—Funda uIsaya 40:8