Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Yilungele Ngoku Imeko Yezonyango Engxamisekileyo

Yilungele Ngoku Imeko Yezonyango Engxamisekileyo

Kutheni kufuneka sizilungiselele? Sisenokugula okanye kufuneke siye esibhedlele singalindelanga. Ngoko, sebenzisa lonke uncedo olukhoyo kwangoku kungekabikho meko ingxamisekileyo ukuze ufumane olona nyango luza kukunceda xa ugula. Ukuba uyayenza loo nto, ubonisa ukuba uyabuhlonela ubomi nomthetho kaYehova wegazi.—IZe 15:28, 29.

Ungenza ntoni ukuze uzilungiselele?

  • Thandaza uze ucingisise kakuhle njengoko ugcwalisa ikhadi leDPA (ikhadi legazi). a Abavakalisi ababhaptiziweyo bangazifumanela ikhadi legazi kumzalwana osezincwadini okanye bathathele abantwana babo abaneminyaka engaphantsi kweyi-18 ikhadi elithi Identity Card (ic).

  • Ukuba ukhulelwe cela kubadala ikopi yefomu ethi Inkcazelo Yabakhulelweyo (S-401-XO). Le fomu iza kukunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo ngeengxaki zonyango ezinokuvela xa ukhulelwe naxa uzala

  • Ukuba uza kwenziwa ioperation eza kufuna igazi okanye ulaliswe esibhedlele, nceda wazise abadala bakho kusengaphambili uxelele nabezonyango ukuba ungathanda ukubonwa ngummeli wamaNgqina kaYehova

Bangakunceda njani abadala? Bangakunceda ugcwalise ikhadi lakho legazi. Kodwa ke, abadala abakwazi ukwenza izigqibo kwezonyango ngendlela bona abazibona ngayo izinto kuba umntu kufuneka azigqibele. (Rom 14:12; Gal 6:5) Xa uxelela abadala bakho ngengxaki yonyango eza kufuna igazi, baza kukhawuleza bafownele iKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele (HLC) bakuthethele kuyo.

Ingakunceda njani iKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele? Abazalwana abakwiKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele baqeqeshelwe ukunceda abezonyango nabomthetho ukuba baqonde indlela esilijonga ngayo igazi njengamaNgqina kaYehova. Banokuthetha noogqirha ngendlela omele unyangwe ngayo ungakhange uthiwe gazi. Ukuba kuyimfuneko baza kukunceda ufumane ugqirha ongazobanangxaki nento yokuba ungafuni ukuthiwa igazi.

BUKELA IVIDIYO ETHI SINGAZENZA NJANI IZIGQIBO XA SIZA KUNYANGWA NGEZINTO EZIDIBENE NEGAZI, UZE UPHENDULE LO MBUZO:

  • Yintoni oyifundileyo kule vidiyo enokukunceda ulungele unyango olukhawulezileyo olufuna igazi?

a Isifundo 39 sencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! singakunceda wenze izigqibo zokunyangwa ezidibene nokusetyenziswa kwegazi.