Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

UYehova Usinceda Sikwazi Ukunyamezela Iingxaki

UYehova Usinceda Sikwazi Ukunyamezela Iingxaki

Kule mihla yokugqibela, sineengxaki ezinzima nyhani. Ngamanye amaxesha ibangathi asinakukwazi ukuzinyamezela. Kodwa ukuba sihlala sisondela kuYehova, uza kusinceda sikwazi ukunyamezela nezona ngxaki zibuhlungu. (Isa 43:2, 4) Singasondela njani kuYehova xa sineengxaki?

Umthandazo. Xa simxelela yonke into uYehova usenza sibe noxolo lwengqondo size sikwazi nokunyamezela.—Fil 4:6, 7; 1Te 5:17.

Iintlanganiso. UYehova usinika izinto eziqinisa ukholo kunye nabazalwana bethu esidibana nabo kwiintlanganiso zethu. Ezi zinto sizidinga ngakumbi ngoku kunakuqala. (Heb 10:24, 25) Umoya kaYehova usinceda nyhani xa silungiselela, xa sisiya kwiintlanganiso size siphendule kuzo.—ISi 2:29.

Intsimi. Ukuba sizama ngamandla ethu onke ukuba sizixakekise ngentsimi, kuza kuba lula ukuhlala sicinga ngezinto ezintle. Siza kuqinisa nobuhlobo esinabo noYehova kunye nabo sishumayela nabo.—1Ko 3:5-10.

BUKELA IVIDIYO ETHI UYEHOVA UZA KUKUKHATHALELA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Yintoni encede uMalu wahlala esondele kuYehova nangona ebeneengxaki?

  • NjengoMalu, iNdumiso 34:18 inokusithuthuzela njani xa sineengxaki?

  • Izinto ezenzeka kuMalu zisibonisa njani ukuba uYehova usinika ‘amandla angaqhelekanga’ xa sineengxaki?—2Ko 4:7