Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Januwari 15-21

YOBHI 36-37

Januwari 15-21

Ingoma 147 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Isizathu Sokusithemba Isithembiso SikaThixo Sobomi Obungunaphakade

(imiz. 10)

UYehova uphila ngonaphakade (Yob 36:26; w15 10/1 13 ¶1-2)

Unobulumko namandla okugcina ubomi (Yob 36:​27, 28; w20.05 22 ¶6)

UYehova usifundisa indlela yokufumana ubomi obungunaphakade (Yob 36:​4, 22; Yoh 17:3)


Ukholo oluqinileyo kwisithembiso sikaThixo sobomi obungunaphakade lusinceda sikwazi ukumelana nobunzima.​—Heb 6:19; w22.10 28 ¶16.

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • Yob 37:20​—Iindaba nolwazi lwezinto zazifikelela njani ebantwini ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile? (it-1-E 492)

  • Ziintoni ozifundileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. (lmd isifundo 3 ingongoma 3)

5. Ukubuyela

(imiz. 4) KWINDLU NGENDLU. (lmd isifundo 2 ingongoma 5)

6. Ukuthethelela Iinkolelo Zakho

(imiz. 5) Intetho. ijwfq 57 ¶5-15​—Umxholo: Kwenzeka Ntoni KumaNgqina KaYehova Xa AmaNazi Ayebulala Abantu? (th isifundo 18)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 49

7. Zilungele Iimeko Eziza Kudinga Unyango Okanye Wenziwe Ioperation

(imiz. 15) Ingxubusho. Mayinikelwe ngumdala.

Intlangano kaYehova iye yasinika izixhobo zokusinceda sithobele umthetho kaThixo ngokuphathelele igazi. (IZe 15:​28, 29) Ngaba uyazisebenzisa?

Durable Power of Attorney (DPA) Card neIdentity Card (ic): La makhadi achaza uhlobo lonyango umntu alufunayo ngokuphathelele ukusetyenziswa kwegazi. Abavakalisi ababhaptiziweyo banokuzifumanela ikhadi leDPA neIdentity Card yabantwana kwisicaka seencwadi. La makhadi kufuneka sisoloko sihamba nawo. Ukuba kufuneka uligcwalise ngokutsha okanye ulihlaziye, yenze loo nto ngoko nangoko.

Inkcazelo Yabakhulelweyo (S-401-XO) neInformation for Patients Requiring Surgery or Chemotherapy (S-407): Ezi fomu zingasinceda sihlale sizilungele iimeko zonyango kuquka nezo zinokufuna igazi. Cela abadala bakho bakunike enye yeekopi yezi fomu xa ukhulelwe, uza kwenziwa ioperation okanye uza kufumana unyango lwecancer.

IKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele (HLC): Abazalwana abakwiKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele ngabadala abaqeqeshiweyo nabakufanelekelayo ukuxelela oogqirha nabavakalisi ngezinto ezinokwenza negazi. Banokuthetha nogqirha wakho ngezinye iindlela zonyango ezingafunisi gazi. Ukuba kuyimfuneko banokukunceda ufumane ugqirha oza kusihlonipha isigqibo sakho. Bafumaneka ngalo lonke ixesha kuzo zonke iintsuku zeveki. Fowunela abazalwana abakwiHLC ngokukhawuleza ukuba uza kulala esibhedlele, ukuba uza kwenziwa ioperation okanye uza kufumana unyango lwecancer​—enoba ucinga imeko yakho ayizukufuna gazi. Ukuba ukhulelwe nawe umele uyenze le nto. Ukuba udinga uncedo cela ifowuni namba yomzalwana okwiHLC kumdala.

Dlala IVIDIYO ethi IiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele—Bancedisa Njani? Uze ubuze le mibuzo:

Abazalwana abakwiHLC bangakunceda njani xa udinga ukunyangwa okanye xa uza kwenziwa ioperation?

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 67 Nomthandazo