Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Januwari 22-28

YOBHI 38-39

Januwari 22-28

Ingoma 11 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Ngaba Uyazipha Ixesha Lokubuka Indalo?

(imiz. 10)

Emva kokudala umhlaba, uYehova wathatha ixesha ukuze awubuke umsebenzi wakhe (Gen 1:​10, 12; Yob 38:​5, 6; w21.08 9 ¶7)

Neengelosi zathatha ixesha ukuze zibuke indalo kaYehova (Yob 38:7; w20.08 14 ¶2)

Xa sizipha ixesha lokubuka nokuxabisa indalo siya simthemba uYehova nangakumbi (Yob 38:​32-35; w23.03 17 ¶8)

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • Yob 38:​8-10​—Ezi vesi zisifundisa ntoni ngoYehova njengoMniki-Mthetho? (it-2-E 222)

  • Ziintoni ozifundileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 2) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Yiphelise ngobubele incoko xa ubona ukuba umntu akafuni ukuthetha (lmd isifundo 2 ingongoma 3)

5. Ukubuyela

(imiz. 5) KWINDLU NGENDLU. Umntu obuthethe naye ebekuxelele ukuba usanda kuswelekelwa ngumntu amthandayo. (lmd isifundo 9 ingongoma 3)

6. Intetho

(imiz. 5) lmd isihlomelo A ingongoma 1​—Umxholo: Izinto Ezenzekayo Nendlela Abantu Abayiyo Zibonisa Ukuba Sekukufutshane Ukuba Izinto Zitshintshe. (th isifundo 16)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 111

7. Ukujonga Indalo Kusinceda Sicinge Ngezona Zinto Zibalulekileyo

(imiz. 15) Ingxubusho.

Xa uYobhi wayehlaselwa nguSathana nangabahlobo bakhe abathathu, waye wahoya iingxaki zakhe kakhulu nokugxekwa kwakhe.

Funda uYobhi 37:14. Uze ubuze lo mbuzo:

Kwakufuneka enze ntoni uYobhi ukuze aphinde acinge njengoYehova?

Xa iingxaki zethu zisigqiba amandla, ukujonga indalo kungasinceda sikhumbule indlela uYehova anamandla ngayo kuze kusenze sifune ukuhlala sithembekile nangakumbi kuye. Loo nto iza kusenza siqiniseke ukuba unako ukusikhathalela.​—Mat 6:26.

Dlaya IVIDIYO ethi Oko Sinokukufunda Kwincwadi KaYobhi​—Izilwanyana. Uze ubuze lo mbuzo:

Le vidiyo iluqinise njani ukholo lwakho kuYehova?

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) bt isahl. 4 ¶13-20

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 54 Nomthandazo