Februwari 24–Matshi 2
IMIZEKELISO 2
Ingoma 35 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Zimisele Xa Usenza Ufundisiso Lwakho LweBhayibhile
(imiz. 10)
Ukuze ubonise uxabiso ngenyaniso (IMi 2:3, 4; w22.08 18 ¶16)
Ukuze ukwazi ukwenza izigqibo ezilungileyo (IMi 2:5-7; w22.10 19 ¶3-4)
Ukuze uqinise ukholo lwakho (IMi 2:11, 12; w16.09 23 ¶2-3)
KHAWUZIBUZE, ‘Ndingaluphucula njani ufundisiso lwam lobuqu?’
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
-
IMi 2:7—UYehova “ulikhaka kwabo bahamba ngokuthembeka” ngayiphi indlela? (it-1-E 1211 ¶4)
-
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) IMi 2:1-22 (th isifundo 12)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 4) KWINDLU NGENDLU. Bonisa umntu oncokola naye indlela yokufumana into enokunceda abantu abatshatileyo ku-jw.org/xh. (lmd isifundo 1 ingongoma 3)
5. Ukubuyela
(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Nika umntu impapasho ethetha ngento ebebonise umdla kuyo xa ubumtyelele kwixesha elidlulileyo. (lmd isifundo 9 ingongoma 3)
6. Intetho
(imiz. 5) lmd isihlomelo A ingongoma 8—Umxholo: Umyeni ufanele athembeke kumfazi wakhe, nomfazi ufanele athembeke kumyeni wakhe. (th isifundo 13)
Ingoma 96
7. Uyabukhangela Ubutyebi Obufihliweyo?
(imiz. 15) Ingxubusho.
Bantwana, ngaba niyakuthanda ukukhangela ubutyebi obufihliweyo? Ukuba kunjalo, ubutyebi obuxabiseke ngaphezulu kwayo nantoni na buyafumaneka eBhayibhileni. Obo butyebi lulwazi ngoThixo! (IMi 2:4, 5) Unokubufuma obu butyebi ngokuzenzela ixesha lokuyifunda rhoqo iBhayibhile uze uphandisise ngamabali owafundayo. Xa usenza ngolohlobo uza konwaba ibe uza kufunda okuninzi!
-
Yeyiphi imibuzo onokuzibuza yona xa ufunda iBhayibhile? (w24.02 32 ¶2-3)
-
Zeziphi izixhobo zokuphanda onokuzisebenzisa ukuze ufumane iimpendulo?
Iividiyo ezithi Funda Kubahlobo BakaYehova zinokukunceda ufunde indlela yokucingisisa ngoko ukufunda eBhayibhileni.
Dlala IVIDIYO ethi Funda Kubahlobo BakaYehova—UAbheli.
Funda iGenesis 4:2-4 namaHebhere 11:4. Uze ubuze le mibuzo:
-
UAbheli wabonisa njani ukuba ungumhlobo kaYehova?
-
UAbheli waluqinisa njani ukholo lwakhe kuYehova?
-
Unokuluqinisa njani olwakho ukholo?
8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 23 ¶1-8 nentsayelelo yecandelo 8