Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Januwari 27–Februwari 2

INDUMISO 140-143

Januwari 27–Februwari 2

Ingoma 44 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Yenza Ngokuhambisana Nezicelo Zakho Zoncedo

(imiz. 10)

Kulungele ukulungiswa okanye ukucetyiswa (INd 141:5; w22.02 12 ¶13-14)

Cinga ngezinto uYehova asenzele zona ukuze asincede (INd 143:5; w10 3/15 32 ¶4)

Zimisele ukujonga izinto ngendlela uYehova azijonga ngayo (INd 143:10; w15 3/15 32 ¶2)

INdumiso 140–143 ithetha ngezinto uDavide awayecela uncedo lwazo ibe ikwathetha nangendlela awabonisa ngayo ukuba wenza izinto ezihambisana nezicelo zakhe.

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 140:3​—Kutheni UDavide efanisa ulwimi lwabenzi bubi nolwenyoka? (it-2-E 1151)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Qalisa incoko nomntu osanda kumnceda ngokumenzela into. (lmd isifundo 3 ingongoma 5)

5. Ukubuyela

(imiz. 3) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Umntu ukuxelela ukuba uxakekile. (lmd isifundo 7 ingongoma 3)

6. Ukuthethelela Iinkolelo Zakho

(imiz. 5) Umboniso. ijwfq inqaku 21​—Umxholo: Kutheni Ungakwamkeli Ukutofelwa Igazi? (th isifundo 7)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 141

7. Zilungiselele Iimeko Eziza Kufuna Unyango Okanye Utyando

(imiz. 15) Ingxubusho.

UYehova uthembisa ukuba ‘luncedo olufumaneka ngokukhawuleza xa sisentlungwini.’ (INd 46:1) Zinokwenza ixhala iimeko ezifuna unyango okanye utyando. Sekunjalo, uYehova usinike yonke into esiyidingayo ukuze siwalungele amaxesha anjalo. Ngokomzekelo, intlangano yakhe isinike amakhadi edurable power of attorney (DPA), i-Identity Card, a iimpepha ezinento yokwenza nezonyango b kwakunye neeKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele (HLC). La malungiselelo asinceda sithobele umthetho kaThixo ngokuphathelele igazi.​—IZe 15:​28, 29.

Dlala IVIDYO ethi Ngaba Uzilungele Iimeko Zonyango? Uze ubuze le mibuzo:

  • Bancedakele njani abanye ngokugcwalisa amakhadi eDPA?

  • Bancedakele njani abanye Kwinkcazelo Elungiselelwe Oomama Abakhulelweyo (S-401)?

  • Kutheni ibubulumko ukunxibelelana nabazalwana beHLC ngokukhawuleza xa uzakulaliswa esibhedlele, xa uza kubane-operation okanye uza kufumana utyando njengolwecancer, nokuba imeko yakho ayizukufuna gazi?

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 103 Nomthandazo

a Abavakalisi ababhaptiziweyo banokuthetha nesicaka seencwadi ukuze bazifumanele ikhadi leDPA kwakunye neIdentity Card yabantwana.

b Inkcazelo Elungiselelwe Oomama Abakhulelweyo (S-401), Inkcazelo Kubantu Abagulayo Abadinga Utyando okanye i-Chemotherapy (S-407), kwakunye neNkcazelo Eya Kubazali Abanomntwana Odinga Ezonyango (S-55) zinokufumaneka kubadala.