Januwari 6-12
INDUMISO 127-134
Ingoma 134 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Bazali, Qhubekani Nikhathalela Abantwana Benu
(imiz. 10)
Abazali banokuqiniseka ukuba uYehova uza kubanceda bakwazi ukuhoya iintsapho zabo (INd 127:1, 2)
Abantwana basisipho esixabisekileyo esivela kuYehova (INd 127:3; w21.08 5 ¶9)
Qeqesha umntwana ngamnye ngokohlobo lwezinto azidingayo (INd 127:4; w19.12 27 ¶20)
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
-
INd 128:3—Kutheni umdumisi efanisa oonyana nezithole zomthi womnquma? (it-1-E 543)
-
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) INd 132:1-18 (th isifundo 2)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. (lmd isifundo 1 ingongoma 3)
5. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Umninimzi ukholelwa kwinto engavumelaniyo noko kufundiswa yiBhayibhile. (lmd isifundo 5 ingongoma 4)
6. Ukwenza Abafundi
(imiz. 5) lff isifundo 16 ingongoma 4-5. Yenza amalungiselelo kunye nesifundo sakho ukuze sifunde nangona ungazubakho kwiveki ezayo. (lmd isifundo 10 ingongoma 4)
Ingoma 13
7. Bazali, Ngaba Ningumzekelo Omhle Ebantwaneni Benu?
(imiz. 15) Ingxubusho.
Intlangano kaYehova ipapashe izinto ezininzi ukuze incede abazali bafundise abantwana babo ngoYehova. Sekunjalo, esona sixhobo sinamandla abazali abanaso kukuba ngumzekelo omhle ebantwaneni babo.—Dut 6:5-9.
NoYesu wayesisebenzisa esi sixhobo ukufundisa abafundi bakhe.
Funda uYohane 13:13-15. Uze ubuze lo mbuzo:
-
Ucinga ukuba kutheni le ndlela kaYesu yokufundisa yayisebenza kakuhle?
Njengomzali, izinto ozenzayo zinokubanceda abantwana bakho babone ukuba izinto obafundisa zona ziluncedo. Umzekelo wakho omhle uza kwenza abantwana bakho bakumamele baze bakulungele ukukuthobela njengomzali.
Dlala IVIDIYO ethi Ukufundisa Abantwana Bethu Ngokuba Ngumzekelo Omhle Kubo. Uze ubuze le mibuzo:
-
Zeziphi izifundo ezibalulekileyo uMzalwana noDade Garcia abazifundisa abantwana babo?
-
Kutheni le vidiyo ikwenza ufune ukuqhubeka ungumzekelo omhle ebantwaneni bakho?
8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 20 ¶13-20