INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Khawuzame Nje Unyaka Ube Mnye
Uzame ntoni? Ubuvulindlela obuthe ngxi! Uya kunandipha iintsikelelo ezininzi!—IMi 10:22.
NGOKUBA NGUVULINDLELA, UNGAKWAZI. . .
-
ukuba nobuchule njengomvangeli uze ubunandiphe ngakumbi ubulungiseleli
-
ukomeleza ubuhlobo bakho noYehova. Okukhona uthetha ngaye kwabanye, kokukhona uya kuziqonda nangakumbi iimpawu zakhe ezimangalisayo
-
ukwaneliseka ngenxa yokuba ubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala kunezakho uze ube novuyo olufumaneka ngenxa yokuzincama kwakho ngenxa yabanye. —Mat 6:33; IZe 20:35
-
ukuya kwintlanganiso yoovulindlela eqhutywa ngumveleli wesiphaluka ebudeni botyelelo, intlanganiso ekhethekileyo ehambelana nendibano yesiphaluka nakwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela
-
ukuba namathuba angakumbi okuqalisa uze uqhube izifundo zeBhayibhile
-
ukuchitha ixesha elingakumbi nabanye oshumayela nabo, unandiphe nokukhuthazana nabo.—Rom 1:11, 12