Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | LUKA 10-11

Umzekeliso WomSamariya Olungileyo

Umzekeliso WomSamariya Olungileyo

10:25-37

UYesu wenza lo mzekeliso ukuze aphendule umbuzo othi, “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” (Luk 10:25-29) Wayesazi ukuba ibandla lamaKristu laliza kwakhiwa zizo “zonke iintlobo” zabantu—kuquka amaSamariya nabantu beeNtlanga. (Yoh 12:32) Lo mzekeliso wawufundisa abalandeli bakhe ukuba bamele bazame ngandlela zonke ukuthanda abantu, kwanabo bahlukileyo kubo.

ZIBUZE:

  • ‘Ndibajonga njani abazalwana noodade bezinye iintlanga?’

  • ‘Ngaba ndibuthelana kuphela nabantu endinezinto endifana ngazo nabo?’

  • ‘Ngaba andinakukhe ndiqhelane nabazalwana abanemvelaphi engafaniyo neyam?’ (2Ko 6:13)

Ndingamema bani ukuba . . .

  •  asebenze nam entsimini

  •  eze ekhayeni lam esidlweni

  •  eze kuNqulo Lwentsapho yam ngenye ingokuhlwa