Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | LUKA 12-13

“Nixabiseke Ngaphezu Koongqatyana Abaninzi”

“Nixabiseke Ngaphezu Koongqatyana Abaninzi”

12:6, 7

Kwakutheni ukuze uYesu athethe la mazwi akuLuka 12:6, 7? Kwivesi 4, sifunda ukuba uYesu wayexelele abalandeli bakhe ukuba bangaboyiki abantu ababachasayo okanye abafuna ukubabulala. UYesu wayenceda abafundi bakhe ukuba balungele inkcaso ababeza kujongana nayo kungekudala. Wabaqinisekisa ukuba ngamnye kubakhonzi bakaYehova wayebalulekile, kwaye uYehova wayengayi kubavumela ukuba batshabalale umphelo.

Thina singamxelisa njani uYehova ekukhathaleleni abazalwana noodade abatshutshiswayo?

Singayifumana phi inkcazelo yakutshanje ngamaNgqina KaYehova aseluvalelweni ngenxa yonqulo lwawo?

Bangaphi abazalwana noodade abasentolongweni?