INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ngaba Uyayibona Indlela UYehova Ayiphendula Ngayo Imithandazo Yakho?
IBhayibhile inemizekelo emininzi yemithandazo eyaphendulwa nguYehova. Xa abakhonzi bakaThixo babona indlela uYehova azimamela ngayo iingxaki zabo waze wabanceda, ngokuqinisekileyo ukholo lwabo lwaqina. Yiyo loo nto kubalulekile ukuba xa sithandaza simxelele uYehova kanye le ndlela sivakalelwa ngayo, size emva koko sizame ukujonga ukuba uza kusiphendula njani. Masingayilibali into yokuba, indlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yethu isenokungabi yile ndlela thina siyilindeleyo. (2 Kor. 12:7-9; Efe. 3:20) UYehova angasinceda njani xa ephendula imithandazo yethu?
-
Amandla, ukuzola, okanye ukholo ukuze sikwazi ukujongana nengxaki.—Fil. 4:13
-
Ubulumko bokwenza isigqibo esifanelekileyo.—Yak. 1:5
-
Umnqweno namandla okwenza into.—Fil. 2:13
-
Ukuzola xa sinexhala.—Fil. 4:6, 7
-
Abantu abasincedayo xa sidinga izinto, okanye abasithuthuzelayo baze basikhuthaze.—1 Yoh. 3:17, 18
-
Anganceda abo sibathandazelayo.—IZe. 12:5, 11
BUKELA IVIDIYO ETHI UYEHOVA ‘UYAYIMAMELA IMITHANDAZO,’ UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Amava kamzalwana uShimizu angasikhuthaza njani xa singakwazi ukwenza izinto ebesingathanda ukuzenza ngenxa yeengxaki zempilo?
-
Singawuxelisa njani umzekelo kamzalwana uShimizu?