Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKA THIXO

Ubulumko Bubalulekile

Ubulumko Bubalulekile

USolomon wacela uYehova ukuba amphe ubulumko (1Ku 3:7-9; w11 12/15 8 ¶4-6)

UYehova wavuyiswa yinto yokuba uSolomon ecele ubulumko (1Ku 3:10-13)

Kwakukho uxolo kuhlanga lonke kuba ubulumko bukaYehova babuyinto ebalulekileyo kuSolomon (1Ku 4:25)

Umntu onobulumko uqala ayazi into kakuhle, aqiniseke ukuba uyayiqonda aze emva koko asebenzise ezo zinto ukuze enze isigqibo esilungileyo. Ubulumko buxabiseke ngaphezu kwegolide. (IMi 16:16) Siza kubufumana ubulumko xa sibucela kuThixo, xa simoyika, xa sithobekile naxa siyifundisisa iBhayibhile.