Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela Yokusebenzisa Indawo Ethi Iincoko Onokuzisebenzisa

Indlela Yokusebenzisa Indawo Ethi Iincoko Onokuzisebenzisa

Abazalwana basebenza nzima ukuze balungiselele iincoko esinokuzisebenzisa, yaye abavakalisi abaninzi bazibone ziluncedo kwiindawo abashumayela kuzo. Kuba iimeko zingafani emhlabeni wonke, abavakalisi banokusebenzisa iincoko ezahlukileyo, okanye bathethe ngento eza kubenza babe nomdla abantu abashumayela kubo. Kodwa sonke simele silandele nayiphi imiyalelo yephulo elikhethekileyo. Eyona nto sizimisele ukuyenza kukuthobela umyalelo kaYesu wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Mat 24:14.

Xa besenza izabelo zabafundi, abavakalisi bafanele basebenzise umxholo okwiincoko esinokuzisebenzisa kwiNcwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Kodwa ke ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela, banokukhetha ukusebenzisa omnye umbuzo, isibhalo, umbuzo wokubuyela, okanye bakhethe ukuba bafuna ukushumayela kwindawo enjani nento eyenziwayo apho xa beshumayela, kodwa eziza kusebenza ekuhlaleni. Le nto iyayitshintsha into eyayithethwe kwincwadi yeentlanganiso kaJuni 2020 iphepha 8.