INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU | YIBA NEZINTO OZIMISELE UKUZENZA KUNYAKA WENKONZO OMTSHA
Yiba Nezinto Ozimisele Ukuzenza Kunyaka Wenkonzo Omtsha—Ubuvulindlela
Siwasebenzisa kakuhle amandla ethu xa sinezinto esizimisele ukuzenza enkonzweni kaYehova. (1Ko 9:26) Izinto esizimisele ukuzenza zisinceda silisebenzise kakuhle ixesha elishiyekileyo ngaphambi kokuba kufike isiphelo seli hlabathi. (Efe 5:15, 16) Xa ninonqulo lwentsapho, kutheni ningathethi ngezinto enizimisele ukuzenza kunyaka wenkonzo ozayo? Le ncwadi yentlanganiso inamanqaku anokuninceda ukuze nikwazi ukucinga nokuthandaza ngezinto enizimisele ukuzenza.—Yak 1:5.
Ngokomzekelo, ngaba intsapho ingakwazi ukusebenzisana ukuze kuncedwe nokuba ngumntu omnye ukuba abe nguvulindlela othe ngxi? Ukuba awuqinisekanga ukuba uza kukwazi ukuzenza iiyure ezifunekayo, thetha nabanye oovulindlela abaneemeko ezifana nezakho. (IMi 15:22) Mhlawumbi ungancokola nomnye uvulindlela kunqulo lwenu lwentsapho. Bhala phantsi ucwangciso lweendlela onokusebenza ngazo. Ukuba wawukhe wanguvulindlela, cinga enoba iimeko zakho ziyakuvumela na ukuba uphinde ube nguye.
Ngaba bangakhona kwintsapho yakho abanokuba ngoovulindlela abangabancedani inyanga enye okanye ngaphezulu? Ukuba awunamandla kangako ungaba nguvulindlela ongumncedani ngokuchitha ixesha elincinci suku ngalunye entsimini. Ukuba unexesha elincinci lokuya entsimini phakathi evekini ngenxa yokuba uphangela okanye ufunda, ungakhetha inyanga eneholide okanye eneempelaveki ezintlanu. Bhala phantsi kwikhalenda ukuba ufuna ukuba nguvulindlela ongumncedani nini, uze ubhale nocwangciso.—IMi 21:5.
BUKELA IVIDIYO ETHI YIBA NGUVULINDLELA ONESIBINDI, UZE UPHENDULE LO MBUZO:
-
Amava ka dade Aamand asifundisa ntoni ngendlela uYehova abathanda nabakhathelele ngayo abo baye bancama izinto ezithile ukuze babe ngoovulindlela?