Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Linganisa Uthando LukaYehova Olungagungqiyo

Linganisa Uthando LukaYehova Olungagungqiyo

UYehova usimisele owona mzekelo umhle wothando olungagungqiyo. (Nd 103:11) Olu thando ayomvakalelo evele ikhawuleze iphel’emoyeni. Uthando olungagungqiyo lunzulu futhi luhlala ixesha elide. UYehova walubonisa olu phawu kubantu bakhe amaSirayeli ngeendlela ezininzi. Wabakhulula ebukhobokeni eYiputa, waza wabakhokelela kwiLizwe Lesithembiso. (Nd 105:42-44) Wabalwela abantu bakhe ibe wayemane ebaxolela xa bemona. (Nd 107:19, 20) Xa ‘sicingisisa ngezinto ezenziwe nguYehova kuba enothando olungagungqiyo,’ siye sifune ukumlinganisa.​—Nd 107:43.

BUKELA IVIDIYO ETHI ‘QWALASELA IZENZO ZIKAYEHOVA ZOTHANDO,’ UZE UBUZE LE MIBUZO:

  • Singalubonisa njani uthando olungagungqiyo?

  • Kutheni kufuneka kubekho izinto esizincamayo ukuze sibonise uthando olungagungqiyo?