Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Basebenza Nzima Ukuze Bancede Thina

Basebenza Nzima Ukuze Bancede Thina

Abaveleli beziphaluka nabafazi babo bayazincama kuba bebathanda abantu ababatyelelayo. Njengathi, baye babe nezinto abazidingayo ibe ngamanye amaxesha baye badinwe, batyhafe baze babe namaxhala. (Yak 5:17) Nangona kunjalo, veki nganye baye bajonge iindlela abanokubakhuthaza ngayo abazalwana noodade bebandla abalityeleleyo. Abaveleli “bafanelwe yimbeko ephindiweyo” nyhani.​—1Ti 5:17.

Xa umpostile uPawulos wayeza kuya kwibandla laseRoma wayevuya kakhulu kuba wayeza ‘kubakhuthaza’ nabo bamkhuthaze. (Rom 1:11, 12) Ngaba ubukhe wacinga ukuba uza kumkhuthaza njani umveleli wesiphaluka nomfazi wakhe ukuba utshatile?

BUKELA IVIDIYO ETHI UBOMI BOMVELELI WESIPHALUKA WASEZILALINI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zeziphi iindlela abaveleli nabafazi babo ababonisa ngayo ukuzincama nothando kubantu basebandleni?

  • Ukuzincama kwabo kukuncede njani wena?

  • Singabakhuthaza njani thina?