Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kokkinakis v. Greece: Droit réservé

Ukusuka ngentla kwasekhohlo ukuya ngasekunene: EWest Virginia State Board of Education v. UBarnette; UKokkinakis v. EGreece; UTaganrog LRO nabanye v. ERussia; UCha nabanye v. ESouth Korea

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

“Ukuthethelela Iindaba Ezilungileyo Ukuba Zibe Semthethweni

“Ukuthethelela Iindaba Ezilungileyo Ukuba Zibe Semthethweni

Xa abachasi bazama ukuyekisa amaSirayeli ukwakha itempile kwakhona, abakhi benza konke abanako ukuze bafumane ilungelo elisemthethweni lokwakha. (Ezr 5:11-16) Nanamhlanje, amaKristu azama kangangoko anako ukuthethelela iindaba ezilungileyo ukuba zibe semthethweni. (Fil 1:7) Ukuze le nto yenzeke, ngo-1936 kwaye kwakho iSebe lezoMthetho kwikomkhulu lehlabathi. Namhlanje iSebe lezoMthetho Lekomkhulu Lehlabathi lilungiselela ukuthethelela iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke. Eli sebe liwuncede njani umsebenzi woBukumkani ukuze bancedakale abantu bakaThixo?

BUKELA IVIDIYO ETHI UMSEBENZI OWENZIWAYO KWISEBE LEZOMTHETHO ELIKWIKOMKHULU LEHLABATHI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zeziphi iingxaki zomthetho aye anazo amaNgqina kaYehova?

  • Ngawaphi amatyala esiye saphumelela kuwo? Yenza umzekelo

  • Yintoni enokwenziwa ngumntu ngamnye ukuze ‘athethelele indaba ezilungileyo’ ukuba zibe semthethweni?

  • Kwiwebhsayithi yethu singafunda ndawoni ngezinto zomthetho ezichaphazela abantu bakaThixo kunye namagama amaNgqina kaYehova aye abanjwa ngenxa yokholo lwabo?