Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ungakwazi Ukunceda Intsapho Yakho Yonwabe Nangakumbi

Ungakwazi Ukunceda Intsapho Yakho Yonwabe Nangakumbi

UYehova ufuna iintsapho zonwabe. (Nd 127:3-5; INt 9:9; 11:9) Kodwa iingxaki zeli hlabathi neempazamo ezenziwa ngabantu abakwiintsapho zethu zingasenza siyeke ukonwaba. Yintoni amele ayenze umntu ngamnye entsatsheni ukuze konwatywe?

Umyeni kufuneka amphathe ngembeko umfazi wakhe. (1Pe 3:7) Kufuneka abe nalo ixesha lokuhlala kunye naye. Izinto azilindele kuye akufunekanga zibaxeke, kodwa kufuneka ahlale enombulelo ngezinto umfazi wakhe amenzela zona nazenzela intsapho. (Kol 3:15) Umbonisa indlela amthanda ngayo kwaye uyamncoma.​—IMi 31:28, 31.

Umfazi ukhangela iindlela zokuxhasa umnyeni wakhe. (IMi 31:12) Uyamthobela kwaye uyasebenzisana naye. (Kol 3:18) Uthetha ngobubele kuye ibe uthetha kakuhle ngaye.​—IMi 31:26.

Abazali bazipha ixesha lokuba kunye nabantwana babo. (Dut 6:6, 7) Bayabaxelela ukuba bayabathanda. (Mat 3:17) Xa bebaqeqesha, babaqeqesha ngobulumko nangothando.​—Efe 6:4.

Abantwana bamele babahloniphe baze babathobele abazali babo. (IMi 23:22) Bayabaxelela abazali babo indlela abaziva ngayo nezinto abazicingayo. Bayayamkela ingqeqesho yabo baze babonise imbeko.​—IMi 19:20.

BUKELA IVIDIYO ETHI HLALANI NIVUYA KWINTSAPHO YENU, UZE UPHENDULE LO MBUZO:

Baye benza ntoni kule ntsapho ukuze bonwabe?