Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Iphulo Elikhethekileyo Lokushumayela NgoBukumkani BukaThixo NgoSeptemba!

Iphulo Elikhethekileyo Lokushumayela NgoBukumkani BukaThixo NgoSeptemba!

Ngokukhethekileyo, ngenyanga kaSeptemba siza kube sixelela abantu ukuba buBukumkani bukaThixo kuphela obuza kusombulula iingxaki zabantu. (Mat 24:14) Ungancedisa njani? Fundela abantu abaninzi kangangoko isibhalo esithetha ngoBukumkani bukaThixo ngale nyanga. Ukuba umntu othetha naye unomdla, mnike ikopi ehanjiswayo yeMboniselo No. 2 2020. Buyela kuye ngokukhawuleza, uze uzame ukuqalisa isifundo seBhayibhile usebenzisa incwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Oovulindlela abangabancedani bangakhetha ukwenza iiyure eziyi-15 okanye eziyi-30 ngoSeptemba.

Sekusele ixesha elifutshane ngaphambi kokuba uBukumkani BukaThixo butyumze bonke oorhulumente abangabufuniyo obu Bukumkani. (Dan 2:44; 1Ko 15:24, 25) Ngoko, masenze konke esinako ukuze sibekhona kweli phulo, kuba lithuba lethu lokubonisa ukuba thina simi kwicala likaYehova noBukumkani bakhe!