Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ziintoni Ozimisele Ukuzenza Kulo Nyaka Umtsha Wenkonzo?

Ziintoni Ozimisele Ukuzenza Kulo Nyaka Umtsha Wenkonzo?

Izinto esizimisele ukuzenzela uYehova yiyo nantoni na esiyenza ngokuzimisela ukuze simkhonze ngokupheleleyo size simvuyise. Asoze sizisole ngokuncama ixesha namandla ethu xa sisenza ezi zinto kuba zisenza siqole. (1Ti 4:15) Kutheni kufuneka sihlale sizikhumbuza ngezinto esizimisele ukuzenza? Kuba iimeko ziyatshintsha. Sisenokufumanisa ukuba asizobasakwazi ukwenza into ebesifuna ukuyenza okanye mhlawumbi sesiyenzile ibe sifuna ukwenza enye into.

Kuba kuhle ukucinga ngezi zinto ngaphambi kokuqala konyaka omtsha wenkonzo. Kutheni ningathethi ngezinto enizimisele ukuzenzela uYehova kunqulo lwenu lwentsapho?

Kwezi zinto zilandelayo, ziintoni ozimisele ukuzenza kwaye uza kuzifikelela njani?

Ukufunda iBhayibhile, ufundisiso lobuqu, ukuya kwiintlanganiso nokuphendula.​—w02 6/15 15 ¶14-15

Ukushumayela.​—w23.05 27 ¶4-5

Iimpawu zamaKristu.​—w22.04 23 ¶5-6

Nezinye izinto: