Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

Indlela Yokuziphatha KaEzra Yazukisa UYehova

Indlela Yokuziphatha KaEzra Yazukisa UYehova

UEzra walivumela iLizwi likaThixo ukuba limchukumise lize limenze atshintshe nendlela azenza ngayo izinto (Ezr 7:10; w00 10/1 14 ¶8)

UEzra wanceda abanye babuqonda ubulumko bukaThixo (Ezr 7:25; si 75 ¶5)

Kuba uEzra wayezithobile phambi koThixo, wayeqinisekile ukuba uYehova uza kumalathisa aze amkhusele (Ezr 8:21-23; it-1-E 1158 ¶4)

Ubulumko obuvela kuThixo awayebubonisa uEzra babangela ukuba ukumkani amnike imisebenzi ebalulekileyo. Nathi njengoEzra, sinokumzukisa uYehova ngendlela esiziphatha ngayo.

KHAWUZIBUZE, ‘Ngaba abantu abangamkhonziyo uYehova bayandihlonipha kuba ndiphila ngendlela efunwa nguye?’