Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Agasti 5-11

INDUMISO 70-72

Agasti 5-11

Ingoma 59 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Xelela Isizukulwana Esilandelayo Ngamandla KaThixo

(imiz. 10)

UDavide wakhuselwa nguYehova ebutsheni bakhe (INd 71:5; w99 9/1 18 ¶17)

UYehova wamxhasa uDavide xa wayegugile (INd 71:9; g04 10/8 23 ¶3)

UDavide wakhuthaza abasebatsha ngokubabalisela izinto ezenzeka kuye (INd 71:​17, 18; w14 1/15 23 ¶4-5)

KHAWUZIBUZE, ‘Ngubani osebandleni ekudala ekhonza uYehova endinokummema kunqulo lwethu lwentsapho ukuze sincokole naye?’

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 72:8​—Isithembiso sikaYehova kuAbraham esikwiGenesis 15:18 sazaliseka njani xa kwakulawula ukukumkani uSolomon? (it-1-E 768)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Xa umntu eqalisa ukuphikisa yiphelise ngobubele incoko. (lmd isifundo 4 ingongoma 5)

5. Ukubuyela

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Qhubeka nencoko yexesha elidlulileyo kunye nomntu ozalana naye, othi emva koko akuxelele ngento emxhalabisayo ngokuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 8 ingongoma 4)

6. Ukuthethelela Iinkolelo Zakho

(imiz. 5) Intetho. ijwfq 49​—Umxholo: Kutheni AmaNgqina KaYehova Ezitshintshile Ezinye Zeenkolelo Zawo? (th isifundo 17)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 76

7. Oko Ninokukwenza KuNqulo Lwentsapho

(imiz. 15) Ingxubusho.

Unqulo lwentsapho lixesha elibalulekileyo ukuze abantwana ‘baqeqeshwe baze bafundiswe ngendlela kaYehova.’ (Efe 6:4) Ukufunda ngumsebenzi kodwa kunokubamnandi ingakumbi njengoko abantwana besiya bekuthanda ukufunda iBhayibhile. (Yoh 6:27; 1Pe 2:2) Yithi gqaba-gqaba ngebhokisi ethi “ Izinto Eninokuzenza Kunqulo Lwentsapho” nto leyo enokunceda abazali benze unqulo lwentsapho lufundise luze lube mnandi, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngawaphi kula macebiso ongathanda ukuwazama?

  • Ikhona enye into oyifumeneyo enokuba luncedo?

Dlala IVIDIYO ethi Qhubeka Uluphucula Unqulo Lwentsapho. Uze ubuze lo mbuzo:

  • Umyeni angalwenza njani unqulo lwentsapho lube mnandi kuye nomfazi wakhe xa abantwana bengasahlali endlini?

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 123 Nomthandazo