Julayi 15-21
INDUMISO 63-65
Ingoma 108 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. “Uthando Lwakho Olungagungqiyo Lulunge Ngaphezu Kobomi”
(imiz. 10)
Ubuhlobo noThixo bulunge ngaphezu kobomi (INd 63:3; w01 10/15 15-16 ¶17-18)
Siye simxabise kakhulu uYehova xa sicingisisa ngothando lwakhe olungagungqiyo (INd 63:6; w19.12 28 ¶4; w15 10/15 24 ¶7)
Xa sicinga ngothando lukaThixo olungagungqiyo siye simdumise sivuya (INd 63:4, 5; w09 7/15 16 ¶6)
IZINTO ENINOKUZENZA KUNQULO LWENTSAPHO: Thethani ngeendlela uYehova aye wanibonisa ngazo uthando olungagungqqiyo.
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
-
INd 64:3—Le vesi isikhuthaza njani ukuba sihlale sithetha izinto ezakhayo? (w07 11/15 15 ¶6)
-
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) INd 63:1–64:10 (th isifundo 12)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) KWINDLU NGENDLU. Umninimzi uthetha olunye ulwimi. (lmd isifundo 3 ingongoma 4)
5. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 2) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Incoko iphela ungekashumayeli. (lmd isifundo 2 ingongoma 4)
6. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 3) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Mbuze ngento anomdla wokuncokola ngayo nize nibeke ixesha eniza kuphinda nithethe ngalo. (lmd isifundo 1 ingongoma 5)
7. Ukuthethelela Iinkolelo Zakho
(imiz. 4) Umboniso. ijwfq 51—Umxholo: Kutheni AmaNgqina KaYehova Ethetha Nabantu Ababengenamdla Kwixa Elidlulileyo? (lmd isifundo 4 ingongoma 3)
Ingoma 154
8. Indlela Esibonisa Ngayo ukuba Siyamthanda UThixo
(imiz. 15) Ingxubusho.
UYehova ‘uphuphuma luthando olungagungqiyo.’ (INd 86:15) ‘Uthando olungagungqiyo’ luthetha ukuzinikela ngokupheleleyo, ukungagungqi, ukuthembeka nomanyano olunzulu. Nangona uYehova ebathanda bonke abantu, ‘uthando olungagungqiyo’ luchazwa njengothando alubonisa kubakhonzi bakhe kuphela, abo anobuhlobo obusondeleyo kunye nabo. (INd 33:18; 63:3; Yoh 3:16; IZe 14:17) Xa nathi simthanda uYehova sibonisa ukuba siyaluxabisa uthando lwakhe olungagungqiyo. Njani? Ngokuthobela imithetho yakhe kuquka nomyalelo ‘wokwenza abafundi.’—Mat 28:19; 1Yo 5:3.
Dlala IVIDIYO Uthando Malukwenze Ushumayele. Uze ubuze le mibuzo:
Uthando lusikhuthaza njani ukuba sishumayele
-
xa sidiniwe?
-
xa sichaswa?
-
xa sisenza imisebenzi yethu yosuku?
9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 12 ¶14-20