Julayi 29–Agasti 4
INDUMISO 69
Ingoma 13 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Zachazwa Njani Izinto Ezazisenzeka Ebomini BukaYesu KwiNdumiso 69
(imiz. 10)
UYesu wayecatshukelwa ngaphandle kwesizathu (INd 69:4; Yoh 15:24, 25; w11 8/15 11 ¶17)
UYesu wayeyikhuthalele indlela afanele akhonzwe ngayo uYehova endlini yakhe (INd 69:9; Yoh 2:13-17; w10 12/15 8 ¶7-8)
UYesu wayesifa ziintlugu waza wanikwa iwayini exutywe nenyongo (INd 69:20, 21; Mat 27:34; Luk 22:44; Yoh 19:34; g95 10/22 31 ¶4; it-2-E 650)
KHAWUCINGE NGALE NTO: Kwakutheni ukuze uYehova afake iziprofeto ezingoMesiya kwiZibhalo zesiHebhere?
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
-
INd 69:30, 31—Ezi vesi zisinceda njani siphuchule indlela esithandaza ngayo? (w99 1/15 18 ¶11)
-
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) INd 69:1-25 (th isifundo 2)
4. Umonde—Into Eyenziwa NguYesu
(imiz. 7) Ingxubusho. Dlala IVIDIYO, nize nithethe nge-lmd isifundo 8 ingongoma 1-2.
5. Umonde —Yenza NjengoYesu
(imiz. 8) Ingxubusho esekelwe kwi-lmd isifundo 8 ingongoma 3-5 nendawo ethi “Jonga Nezi Vesi.”
Ingoma 134
6. Iimfuno Zebandla
(imiz. 5)
7. Iimigaqo Onokuyisebenzisa KuNqulo Lwentsapho
(imiz. 10) Ingxubusho.
NgoJanuwari 2009, iSifundo Sencwadi seBandla saye sadityaniswa neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kunye neNtlanganiso Yenkonzo kwiintlanganiso zaphakathi evekini. Eli lungiselelo laye lanceda iintsapho ukuze zikwazi uqhuba unqulo lwentsapho veki nganye. Abaninzi baye babulela kakhulu ngeli lungiselelo elalenzelwe ukubanceda basondela kuYehova nakwiintsapho zabo.—Dut 6:6, 7.
Yeyiphi imigaqo enokunceda iintloko ntsapho ukuze uNqulo Lwentsapho luphumelele?
-
Lwenze qho. Zibekeleni ixesha lokwenza unqulo lwentsapho veki nganye ukuba kunokwenzeka. Xa usuku enilwenza ngalo lunokuphazamiseka, yibani nolunye usuku eninokulwenza ngalo unqulo lwentsapho
-
Lungiselela. Thetha nomfazi wakho uze umane ubuza abantwana bakho ngezinto eninokuzenza. Akunyanzelekanga ukuba niziqhekeze intloko xa nilungiselela ingakumbi ukuba intsapho iyakuthanda ukwenza izinto ezibufana veki nganye.
-
Lwenze lulungele intsapho. Njengoko bekhula abantwana, izinto abazidingayo nabanokuzenza ziyatshintsha. Unqulo lwentsapho maluncede mntu ngamnye entsatsheni asondele kuYehova
-
Makubekho uthando nize nikhululeke. Ngamanye amaxesha nisenofundela phandle ukuba imozulu iyanivumela.Ukuba kuyimfuneko ninokumane nithatha ikhefu. Kuyanceda ukuthetha ngeengxaki abajongana nazo abantwana, kodwa unqulo lwentsapho alumele lusetyenziselwe ukubagxeka okanye ukubaqeqesha
-
Yenzani izinto ezahlukeneyo. Ngokomzekelo ninokulungiselela indawo ethile yeentlanganiso ezilandelayo, nibukele nize nithethe ngevidiyo eku-jw.org/xh, okanye niprektize into eniza kuyithetha xa niyokushumayela. Nangona ukuncokola ngento eniyifunda kuNqulo Lwentsapho kuyeyona nto ibalulekileyo, ninokwenza ilungiselelo lokuba mntu ngamnye entsatsheni azenzele ufundisiso lobuqu kuNqulo Lwentsapho
Xubushani lo mbuzo:
-
Uye wayisebenzisa njani le migaqo kunqulo lwakho lwentsapho?
8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
(imiz. 30) bt isahl. 13 ¶8-16, nebhokisi ekwiphepha 105